Page 9 - UCT Research Report 2011

Basic HTML Version

7
kakhulu izinto ezenziwa
yiyunivesithi. Ukongezelela
ekufundiseni izizukulwana ezizayo nokupheka
abasebenzi abanezakhono ezibalulekileyo
nabaluqonda mhlophe uxanduva lokuba
ngabemi abanenkathalo kwidemokhrasi,
kufuneka siyivule ibe banzi imida yolwazi size
sicele umngeni kule nto iqhubekayo nanini na
ithuba livela. Phofu ke siza kuyenza loo nto
ngelifuna ukuba negalelo kuphuhliso nenguqu
kuluntu lwethu nokuphucula ihlabathi esiphila
kulo. Ndinenkolo ke ethi iYunivesithi YaseKapa
izifikelela ngendlela esemagqabini ezi nkalo.
Kufunekasimanesiphos’ amehloemvaukuzesiboneumgama
esiwuhambileyo malunga nomgangatho nefuthe lophando
lwethu, kodwa ke enye yezinto ezithe zasibonisa umgama
esiwukhathuleyo kukuphuma kwethu emagqabini kwiinkqubo
ezintathu eziphambili zokuhlola udidi lweeyunivesithi
ehlabathini lonke. Ezimbini kwesi sithathu zixhomekeke
ikakhulu kwiziphumo zefuthe lophando. Ngowama-2010
nowama-2011, iYunivesithi YaseKapa ibisahleli kwindawo
yayo ephakathi kwe-100 ne-110, kuDidi LweeYunivesithi
ZeHlabathi lwe-
Times Higher Education (THE),
yabe
iphakathi kwe-160 kuDidi LweeYunivesithi ZeHlabathi kwi-
Quacquarelli Symonds (QS)
ngowama-2011/12. Iinkqubo
ze-QS kunye ne-THE zisathe gqolo zibeka iYunivesithi
YaseKapa njengekuphela kweyunivesithi e-Afrika ekudidi
lwezisemanqwanqweni ezingama-200. IYunivesithi
YaseKapa ibikuphela kweyunivesithi e-Afrika ekudidi
lwezisemanqwanqweni ezingama-300 kwi-
Shanghai Jiao
Tong Academic Ranking of World Universities (ARWU)
.)
Ukutshila kwayo phambili ngolu hlobo kubangelwe
ngumgangatho wophando kunye nento yokuba abaphandi
bethu bezazi izinto eziqhubeka ehlabathini kwaye
besebenzisana noogxa bethu kumazwekazi onke. Ukuba
lilungu loMfela-Ndawonye WeeYunivesithi ZeHlabathi
kweYunivesithi YaseKapa linyathelo lethu lamvanje
lokukhuthaza intsebenziswano namanye amazwe –
yaye sele kubonakala ukuba le nto iza kuzala amaduna
namathokazi.
Le yunivesithi iyiqonda mhlophe imfanelo yayo yokwenza
ubuncwane bayo, obuquka uphando lwayo, bufumaneke
kulo lonke uluntu oluhlala kwindawo ekuyo. Ngelizama
ukufeza loo njongo, nyakenye kuye kwasungulwa
iKnowledge Co-Op. Eli livela-tanci lokuphathisana
kwabo basiSandla koosekela-tshansela abanoxanduva
lokujongana noluntu nophando. Libangela iintlangano
zoluntu, ebezingenakuba nendlela yokufikelela
kwizixhobo zophando zeyunivesithi, zize ngaphambili
neengxaki
ezinokusonjululwa
njengenxalenye
yeeprojekthi zabafundi besidanga see-honours okanye
see-master’s. Sele ziliqela iiprojekthi ezigqitywe
ngempumelelo.
Bekungatshon’ ilanga liphinde liphume sidalula izinto
eziphunyezwe luphando lweYunivesithi YaseKapa kulo nyaka
uphelileyo. Kodwa ke noko akukho nto ityhulu xa singathi
gqaba-gqaba nje ngezimbalwa ezingamabal’ engwe:
Malunga neyokuqala kwizinto eziphambili kuzwelonke
ezichazwe kwiinjongo zesicwangciso zethu, lowo
usiSandla kuSekela-Tshansela kunye noMlawuli weVela-
Tanci leMozulu noPhuhliso lwe-Afrika, uNjingalwazi
uMark New, wangena kwesi sikhundla ngoJulayi 2011
yaye wathi engena nje yabe ibonakala indima yakhe
ekufezekiseni iinjongo zolu phando luphambili (olwathi
lwagqalwa nangokusemthethweni yiKomiti YoPhando
YeYunivesithi njengeyesithandathu kwiiNkalo
EzinguNdoqo [Signature Theme]).
Inkalo yesibini ephambili kuzwelonke, iVela-Tanci
loKhuseleko noBundlobongela (SaVI), elixhuzulwa
nguGqr. uCatherine Ward, nayo ifuna uphando
olumandla yaye yayibambe iNkomfa yayo yokuqala
ngoSeptemba 2011 phantsi komxholo othi
Ukukhuthaza
ukhuseleko, Ukucutha ubundlobongela, Ukuhambisa
ulwazi
, kunye neengcali eziphuma kwiimbombo
zone zomhlaba, kuquka iJamaica, iSkotlani, kunye
neSwitzerland.
Kwenziwa neenzame ezibonakalayo ekuxhaseni iphulo
loMzantsi Afrika lokuba nesibona-kude (telescope)
se-Square Kilometer Array (SKA) (elaba yimpumelelo
ekuqaleni kowama-2012), ngenkxaso-mali kwiinzame
zeSebe LeNzululwazi YeeNkwenkwezi.
NgeZiko LeZifo EzoSulelayo NamaYeza EMoletyhuli,
sithe gqolo ekwenzeni imitsi eliqela ekulwisaneni nezifo
ezosulelayo nezo zingosuleliyo.
Ndivumeleni ndikhahlele kwiinkcuba-buchopho zethu
ezithe zawongwa ngowama-2011 ngenxa yegalelo lazo
kuphando ezilwenzileyo, ezinye zazo zikhankanyiwe apha:
UNjingalwazi uJill Farrant othe watyunjwa njengomnye
kwisihlanu sezazi-nzulu ezingabasetyhini abaphum’
izandla kwihlabathi lonke abathe bafumana iMbasa
ye-L’Oréal-UNESCO kwiNzululwazi engeZinto
EziPhilayo (Life Sciences).
Umyalezo osuka
kuSekela-Tshansela
Zininzi
INTRODUCTION